Page 80 - SCAT Rural Voice II - 35 Stories for 35 Years
P. 80
Gender
xeshalide kwabonakala ukuba kufuneka ndibe kufutshane nabantwana. ndiye ndaba livolontiya eliyi care-giver kwiVusisiszwe AIdS Awareness and Human rights.
ngomnyaka we 2009 ndacelwa ngumphathi ukuba ndiququzelele uphuhliso lwabafazi. Abafazi abaninzi babesoloko besiza kum ukuba ndibeluleke xa benengxaki emithshatweni. ngoko ndandingekasebenzi nakwi Advice Centre. Andazi ukuba babebona nto ni kum. Kuthe ngomnyaka we 2013 ndaqalisa ukusebenza kwi Flagstaff Advice Centre. Bezininzi iingxaki zokuxhatshazwa kwabafazi ebendizithumela kubo ngaphambili. ndiye ndaphakamisa ikawusi emsebenzi wam wokulwela amalungelo oomama kuba umyeni wam esiya ngamandla kubhelu lomsele. emveni kokusweleka komyeni ngengozi yemoto ndabona ukuba kubalulekile ukuba umfazi azimele angaxhomekeki. ngoku ndijongene nokukhulisa abantwana noxanduva lomzi wonke luxhomekeke kum. Vuka mama wenze. nokuzisa uphuhliso kwilali zethu, nokulwela amalungelo abo nabantwana babo, nokuthetha phandle (Operation Thetha nje).
Oomama bebengenalizwi ekuhlaleni, bengayi embizweni komkhulu, bengonyulwa nakwiikomiti zophuhliso ekuhlaleni. Kwakusithiwa ngabantu bokugcina amakhaya. ukuphucula izinga lentlalo ntle nokuphucula izinga ezoqoqosho emakhayeni ethu, kwabonakala kubalulekile ukuphuhlisa izakhono zoomama. Bekunzima ukuba nee- Workshop okanye ii-Awareness campaign ezilalini ngenxa yokunqaba kwenkxaso-mali embuthweni. uthe umbutho wakufumana imali-nkxaso kwi Foundation for Human rights, kwi SCAT, nakwi ruLAC; sanamaphulo okuphuhlisa ulwazi ngamalungelo abantu. ndacela kubaphathi bam ukuba sibe nentlanganiso yamaqumrhu asekuhlaleni. ndavunyelwa. ndaya kwikokhulu kwabizwa intlanganiso yamasebe aseburhulumenteni, nabahlali kuquka ulutsha kunye noomama. Kwaxoxwa, kwavunyulwana ngokuba abafazi banelungelo lokuba yinxalenye kuphuhliso lwabantu basekuhlaleni.
ndiye ndaphinda ndabiza intlanganiso yoomama bodwa, saxoxa ngokuba abafazi mabangayifihli i-domestic violence. Kwaye ikhona iminyango engabanceda bahlalungeleke. Siqhubekile nokubamba iintlanganiso noomama bexhotyiswa ngezakhono ukuze kuphele ukuxhomekeka emadodeni, babe nemali-ngeniso abayenzayo ukuphucula ubomi babo. ngenxa yentsebenziswano nombutho endikuwo lukhona utshintsho. Oomama baziinkosi eziziphetheyo. Bakhona kwikomiti zophuhliso ekuhlaleni. Bayakwazi ukuthetha ngobume bezempilo yabo, ukuxhatshazwa emakaya, ukuxhatshazwa ngokwesini. Bayakwazi ukuzokucela uncedo neengcebiso kwi Advice Centre. Baphuhlisa nemo uyezoqoqosho kumakhaya abo. Kwakunye nemo yentlalo kuba banamashishini asaqingqayo kunye nee- cooperative. eyona nto ndifuna yenzeke yeyokuba abafazi bazimele, babe nelizwi ekuhlaleni. Funda kwiMizekeliso 31 kwi Bhabhiyile yakho ukusukela kwi vesi 10 ukuya phambili apho ithi uMFAZI uneSIdIMA. Masivuke siphuhlise ilali zethu. VuKA VuKA Mfazi, balambalile abantwana.
78
RuRal Voice ii: 35 stories for 35 years