Page 59 - SCAT Rural Voice II - 35 Stories for 35 Years
P. 59
Into endityayo ngabantu abammkela imali yepension abebekade benengxaki yemali yabo abathi xa beyoyamkela bangayifumani yonke. Xa beyamkela ingaphelelanga kuthiwe umntu uthenge i-airtime kunye nombane. Babe phofu bona bengathenganga nto. Bathi xa beze kulo mbutho wethu bezokufuna uncedo, sibathumele eSASSA batsho bancedakale. Okunye, phaya ekuhlaleni kukho umfana othengisa izinto zokwakha. Abantu bazithenga kuye izinto zokwakha. Kanti yena uthatha imali yomthengi akugqiba angamniki iimpahla ethengiweyo. Xa umthengi efuna iimpahla azithengileyo, angamniki. Kukho umama othile obenale ngxaki. Siye samthumela emapoliseni, aze athetha nomthengisi. Wathi emapoliseni umthengi makeze azokuthathi imali yakhe. Xa esiya umthengi, uyabalekwa ngumthengisi angamniki imali yakhe. Ekugqibeleni umthengi ude wafumana ukwenzakala apho ahlala khona elinyazwa sisihlobo sakhe sisithi makayokuhlala emzini wakhe, mzi lowo ungekhoyo ngenxa yomthengisi osagcine iimpahla zokwakha. Ingxaki ezinje zenza kungabikho konwaba ekuhlaleli. nangona kunjalo, siya zingca ngomsebenzi wethu.
Okunye, into endidlayo ngumba weziyobisi ezithengiswa ekuhlaleni. Abantwana bethu bayaqhekeza ezindlini, bebe iimpahla, bazithengise kuba befuna imali yokuthenga iziyobisi. Okunye ngumcimbi weendawo ezithengisa utywala ezikutshane nasezikolweni. Abantwana basela utywala bayokugezela ootishala. Singumbutho sasiyile kwiSebe lezeMfundo ukuyokuchaza. Bathi baza kuyilungisa loo nto. Bafika ke bathetha nabanikazi bamashishini. Bathembisa kuwavala, kodwa abakazivali zisathengisa nangoku. Into esandihlalisileyo kulo mbutho kukuba ndifuna ukubona utshintsho kumphakathi wam sibe moya mnye.
IMICELI-MNGENI ESIjONGENE NAYO
3.1 kukuqhekezelwa kubiwe inkukhu zethu
3.2 kukungabi nankxaso yezimali nakwezolwazi olwaneleyo
3.3. kukungabi nandawo yokufuyela eyaneleyo.
IMPUMELELO YETHU
1. Besine nkukhu ezilikhulu(100) sazithengisa zonke
2. Kukukwazi kwamalungu ukuthengela abantwana iimpahla zeKrisimesi emva
kokwahlula isiqingatha sengeniso
3. Ukuqhubeka kwamalungu ukufuya nokuthengisa ngempumelelo emva
koqeqeshwa
4. ngumdla wabahlali ukuxhasa iproject
FOOD seCUrity
RuRal Voice ii: 35 stories for 35 years
57